

4&
4
UMary-Hose Ndlovu waseAshdown uyazi ukuba ukwenza imithambo nesondlo esisiso zibalulekile ekuphi!eni ngokwenene. Uceba ukwenza idiploma kwiFifness and Nutrition, aze abe yi-Aerobics Instructor, iPersonal Fitness Trainer okanye iNutrition Counseilor. Uzimisele ukuba neziko lezempllo elilelakhe ngenye im!ni.
4&
UNosiviwe Nyingwa waseMonti uyathanda ukusebenza nabantu, kwaye ukholelwa ekubeni ukusebenzela ISAA kuya kumnceda ekuh!anganeni nabantu beendawo ezahlukeneyo afunde illwimi ezahlukeneyo. Unqwenela ukuthabatha izifundo kwiTourism.









UMalebo Cynthia Ledwaba uthanda ukuthunga kodwa akayazi indlela emakazenzele ngayo llmpahla zohlobo. Unqwenela ukuthabatha izifundo zePattern Cutting Design, ngethemba lokuba ziza kulenza liqaqambe ikamva lakhe neloluntu lwakowabo ngokuylla amaphulo omthungo ukulungiselela amanenekazi angasebenziyo. 
y
UMaria Stetemela uyazi ukuba kwezi mini kunyanzelekile ukuba umntu akwazi ukusebenzisa llchompyutha. Ufunde isoftware kwaye angathanda ukufunda iComputer Programming.

ir
UQueen $etshabi waseNaledi unqwene!a ukwenza izifundo zeBeauty Care aze abe

yiBeautician.

v

















OKHUPHISWANO ILEMON LITE/BONA
STAND OUT FROM THE CROWD




UPumula Citeko ngowaseBhayi. Zininzi izinto
azithandayo kwaye unqwenela ukufunda iTourism,
iChiId Psycho!ogy okanye iBeauly Care.



Emnye kwaba bali-15 abaphumeleleyo uza kwenza izifundo
azithandayo e-Intec College. Nazi izifundo abazikhethileyo:
UThulisiwe Maureen ZuIu waseGermistori (B usiness
Management), uZandile E. Ngcobo waseMlazi (Dressmakirig).
uBusi Ndlovu waseHillcrest. KwaZulu-Natal (Child Day
Care), uNoluvuyo Mabusela waseGugulethu (Banking &
Finance), uCynthia M. Pbiri waseRustenburg North (Beauty
Consultant), uViera Petronella Mhlango waseThekwini
(Computers), uFikile T. Biyela waseMpangeni (Hairclressing),
uNokubonga Ntuji waseJohnnesburg (Creative Careers),
uTryphina Nkwe waseOnverwacht (Beauty Consultant),
uGlory Radopile waseDaveyton (Matric). uRebecca M.D.
Matswee wakwaXuma (Journalism), uDimakatso Minah
Yende waseBerca (.Journalism), uPhindile Ester Mazibuko
waseThokoza (Public Relations), uLindiwe Magongo
waseSwazini (Secretarial Diploma), uNtombenhle Magasela
waseJohannesburg (Matric).






1OMO Mailbag
lOmo Mailbag ikucebisa ngeengxaki zevasi, idilesi nenombolo yefowun yethu ikho kwipakethi nganye yesepha iOmo. Usenokuphulaphula neenkqubo zethu kunomathotholo, amaxesha azo adweliswe ekupheleni kweli nqaku.
lzithambiso ezinevumba elimnandi
zisebenzisa izithako
ezisemgangathweni
Emva kweminyaka emibini yophando nenkqubela ecokisiweyo, udidi olutsha
lwezithambiso ekuthiwa ziKami ziye zaveliswa mvanje.

















Molweni, namkelekile kwakhona kwiOmo Mailbag. leta yethu yale nyanga ivela kuNkszn. Didi Ngame ubhala athi:
Ungumongikazi kwaye uthanda ukubukeka emhle xa ephangela. Unxiba iyunifomu, kufuneka ihlale iqaqambile, ucela amacebiso aluncedo, usebenzisa iOmo Micro.
limpahla zinexabiso eliphezulu, enoba unxiba iyunifomu okanye okwahlukileyo mihla le, inkathalo xa uhlamba impahla yakho iqinisekisa ukuba ibukeka intle ithuba elide. Ukuyigcina iyunifomu emhlophe icocekile kulula xa usebenzisa iOmo Micro.
Kuqala, iyunifomu yakho yihlambe qho (emva kokuba ubuyinxibile) ukuze ukungcola kungahlali elaphini. Zama ukususa amabala ngokukhawuleza - inkoliso yamabala ayashenxa xa ehlanjwa ngamanzi abandayo aneOmo Micro, kodwa maxa wambi kufuneka wenze intlama yeOmo, uyidyobhe kwisisihla phambi kokuba uyihlambe. Ukuyiyeka emanzini impahla emhlophe kuyanceda ukuze ihlale imhlophe icocekile
- khumbula ukuba xa inamaqhosha entsimbi okanye imihombiso, kungcono ukuba ungayihlalisi emanzini kuba oku kuyishiya inamabala omhlwa. GaIela iOmo eninzi ukwenzela impahla, yihlambisise, iimpahla
ezimhlophe, zaneke zingabethwa lilanga, langa elo linokuzibangela zimbatshe.

UKUSHENXISA AMABALA
Amabala e-asidi enjengehydrochloric okanye isalfa anokubangela umonakalo ongapheli. Yihlambisise zisuka nje ngamanzi abandayo, yifunxe nge-ammonia okanye um- xube webicarbonate of soda. ihlambisise ngendlela eqhelekileyo ngeOmo.

Phulaphula i:
Radio Zulu - NgoMvulo ngeye-2:30 emva kwemini Radio Xhosa - ngoLwesibini -ngeye-1 0 ngentlazane Radio Ndebele - ngoLwesibini
- ngeye-9:30 ngentlazane
Radio Sesotho - NgoMvulo -ngeye-2:O0 emva kwemini Radio Lebowa - ngoLwesithathu
- ngeye-11 :35 ngentlazane (lsiPedi)
Aadio Swazi - ngoLwesine -ngeye-2:0O emva kwemini Radio Setswana - ngoLwesine
- ngeye-10:30 ngentlazane Radio Venda - ngoLwesithathu
- ngeye-9:30 ngentlazane.



















Ngasinye isithambiso esitsha iKami sinevumba elimnandi, alikhawulezi liphelelwe kanti sishiya ulusu lwakho lugudile londlekile. Zigalelwe kwiikyubhu eziyi-75m1 ukuze kube lula ukuziphatha, abakwakami banokusemgangathweni okunexabiso elingakhalisiyo.

lKami Vitamin E cream eneSPF 5 kwi-100g nganye ine: 500 I.U. kokubini kuVitamin A nakuVitamin E, D Panthenol, ikwano-UVA no-UVB ezikukhusel' elangeni. Xa zidityanisiwe ezi zikhuseli elangeni
zineSun Protection Factor of
5.
Izithambiso zeZandla neeNzipho ziyilelwe ukufumisa nokukhondishina ngobunono ulusu, zomeleza iinzipho ukuze zingacandeki, zinqunteke. Zifumaneka ngamavumba amabini -uPeach noMagnolia.
l-AIoe Vera cream sisithambiso sezandla nomzimba, ikhusela kwimo-zulu erhabaxa yaseAfrika ingakumbi kwiimeko zobusika ezomileyo.

Ezi mveliso zifumaneka kwiivenkile ezikhethiweyo.







AbakwaBonnita Banizisela Eyokuqala
iEFAMA











eMzantsi Africa...
- Long Life Amasi
Okweminyaka besinandipha umvubo womphokoqo, wesonka
esimdaka, owomngqusho, siwatya ewodwa. Ngoku
abakwaEFAMA bavelise okunezinye iinzuzo:

	ILong Life - EFAMA inokugcinwa ingafakwanga frijini ukusa kwiinyanga ezine. Oku kuthetha ukuba unokuwathenga
kakhulu amasi uwagcine ekhabhathini. Wakuwavula, vubisa
ngawo kwangoko okanye uwafake efrijini.

lncasa engatshintshiyo - iEFAMA inqumbululu inocwambu ayifuni kongezwa olunye ucwambu.

 Zintathu isayizi ze-EFAMA kukho eyi-200m1 elungela nje
umntu omnye. Mama, le uyithi shwa kwiskhafthina! l-500m1
yona uvubisa ngayo isale ukanti i-1 litha
ilungela usapho luphela.

l-EFAMA ngamasi afana nqwa
nalawo akwantu, anokusetyenziswa
ekuthambiseni inyama, ekubhakeni
isonka neerusks njengenxalenye
yesosi enqumbululu.

I-EFAMA - lsoloko inencasa
ethandekayo!













































kubalisa uPRIMROSE WILLIAMS kufote uLENNOX DLOKO
Bekuyimincili kula manenekazf.




U
 PAM LEWIS uchaze izizathu ezisa abantwana kwiSOS nendlela abaya kuba bencedakale ngayo xa bebuyela kuluntu. UPam ubethetha ngabantwana abaye banethamsanqa lokuhlangulwa kubomi basezitratweni.
Njengoko siyazi le meko ebuhlungu, ulutsha lungabangqibi abatsha ezitratweni. Bengcangcazela, benqinile, abangangqibi beba ezivenkileni nakwezinye iindawo. Bayabula ezitratweni, belala naphi na, ezipakini, kwiindledlana eziphakathi kwezakhiwo nakwiikhadbhodi, bebhenela kulwaphulomthetho nokuthengisa ngemizimba ukuze baphile baze bazibeke esichengeni sokugula emzimbeni nasemphefumlweni.
Echaza ngaMakhaya eSOS aBantwana nakwenzayo, uthe: Amakhaya eSO S aBantwana agcina iinkedama nabantwana abalahliweyo bazo zonke izizwe, iintlanga nonqulo kwiindawo ezingama-343 kumazwe ali-125 ehlabathini. Akwanik inkxaso kwiimfuno zolutsha eziquka nemfundo.
EMzantsi Afrika, iSOS inamaKhaya amathandathu - e-Ennerdale, eMamelodi, eKapa nasePieterrnaritzburg ukanti likho neliza kwakhiwa kumnyaka ozayo eMtata. Khaya ngalinye licelwa
luluntu ukuze likwazi ukuhlangabezana nengxaki yeenkedama, maxawambi abantwana abalahliweyo abafuna ukugcinwa ithuba elide.
Uthi xa elifu.lathela ikhaya urnntwan weSOS sel ekhulile silindele uluntu ukuba lumamkele lumxhase ngokumnika umsebenzi, afumane umvuzo aze aphile. Uninzi lwabo maninzi amanzithinzithi abagqithe kuwo, kodwa bathe ngokusebenza kwabo nzima nokuncedwa yimpilo yaseSOS efana neyasekhaya babekwa endleleni eyiyo yokuphila.
Abaphulaphuli baxelelwe ngemibutho emininzi enokunceda, njengeFAMSA, iHealth Education, iPlanned Parenthood, iAttic, iPort Elizabeth Shelters for Children kwaneSOS Village.
Umbuzo wokugqibela obuvela kowayefudula eyititshala nomongikazi uNksk Bakubeni ubonakele uyishwankathela yonk' into ngokubongoza oomama abaqeqeshiweyo beSOS ukuba bacuntsulele abanye oomama ulwazi nobuchule besebenzisa iqonga leRama/Bona Club.
UVeronica Mkari weRama uthethe malunga nokutya okubalulekileyo nokusisiseko, wapheka ukutya
UVeronica Mkari egxininisa imbaluleka yokutya ukutya okunesondlo.

okuluncuthu kwevita-mince soya protein, okuye kwangcanyulwa ngabaphulaphuli. Ukwabonise indlela yokwenza i-30 Day muffins zakhe. Imibuzo malunga nokugcina ukutya nokuba sempilweni iye yabuzwa ngabaphulaphuli.
Unks Hazel Mcophela weNoxolo



	BONA XHOSA - December 1996 79

80 BONA XHOSA - December 1996

		BONA XHOSA - December 1996 81

i5NA XHOSA - Decen9

